Pages

Search This Blog

X221 Ma ndithwale iziqhamo

X221 Ma ndithwale iziqhamo,
8.8.8.8.8.8
Similar to:
I want the Spirit of power within (Charles Wesley)

Ma ndithwale iziqhamo,
EzoMoya oyiNgcwele ;
Ubunchathu nolulamo,
Ukulunga nobubele,
Zonke ezizezenkolo
Zezothando, nezoxolo.
---
I Want the spirit of power within,
Of love, and of a healthful mind:
Of power to conquer every sin;
Of love to God and all mankind;
Of health that pain and death defies,
Most vigorous when the body dies.

Ezi zinto ma zikhule
Entliz'yweni onk' amaxa ;
Zindincede ndinyothule,
Konke oko kuzixaka ;
Okwekratshi nokomona,
Neento eziphuma khona
---
Grow these fruits in my heart.
To set me free from my countless sins.
Ewe, Nkosi, ma ndihlume
Ndibe ngoxakathileyo ;
Ndizamele, ndiphuthume,
Konke okulungileyo,
Iz' ingabi nakuphikwa,
Yonk' imilo kwa nemikhwa.
---
O, that the Comforter would come,
Nor visit as a transient guest,
But fix in me his constant home,
And keep possession of my breast;
And make my soul his loved abode,
The temple of indwelling God!

https://hymnary.org/text/i_want_the_spirit_of_power_within

No comments:

Post a Comment