Pages

Search This Blog

X238 Sicela kuwe, mEnzi wethu,

X238 Sicela kuwe, mEnzi wethu,

9.9.9.7


Sicela kuwe, mEnzi wethu,

OnguKumkani phezu kwethu,

Ma uthi entlalweni yethu

Wenze ngentando yaKho.

---

We surrender our lives to you.

 

2 Sihleli thina ngokungazi,

Iinto zangomso asizazi,

EnguWe wedwa onokwazi,

Yenza ngentando yaKho.

---

You know what tomorrow holds.

Your will be done.

 

3 EnguWe onamandla onke,

Onabo nobulumko bonke,

EnguWe onofefe lonke,

Yenza ngentando yaKho.

---

You are all powerful and merciful

Your will be done.

 

Ngexesha lobutyebi bethu,

Ngexesha lokuswela kwethu,

Nakulo lonk' ilishwa lethu,

Yenza ngentando yaKho.

---

In times of wealth, starvation, catastrophe.

Your will be done.

 

Kwa semikhuhlaneni yethu,

Nakuko ukuphila kwethu,

Kude kufik' ukufa kwethu,

Yenza ngentando yaKho.

Amen.

---

In sickness, health, until death.

Your will be done, you know what is best.


No comments:

Post a Comment