Pages

Search This Blog

X273 Icawa iya phela

X273 Icawa iya phela

7.7.7., 7  7.7.7., 7


1. Icawa iya phela, 

Umyali egqibela,

Ma se silibulela 

Izwi esilivile.

Lilizwi elikhulu,  

LenKosi yaphezulu.

Abangezizithulu,  

Boba bekholisile. 

---

Be thankful for the word of God.


2. Umyali wasiyala; 

Ilizwi nge lihlala

Lingabi salityalwa, 

Ezintliz'yweni zethu.

Lilizwi lenkanyiso, 

Lilizwi loqondiso,

Lilizwi lemvuyiso, 

Kwimiphefumlo yethu.

---

May the word be planted in our hearts

And give light to our understanding.


3. IiCawa ziya dlula: 

Singe siphulaphula,

Simane sikhumbula, 

Izwi lasenKosini.

Ze sithi, xenikweni, 

Simkile emhlabeni,

Singene eCaweni, 

Phezulu ezulwini. Amen

---

Remember the message from God

Live God's message into all the world.

Prepare yourself for heaven.


No comments:

Post a Comment