Pages

Search This Blog

X284 Sobeka phi na, Thixo,

X284 Sobeka phi na, Thixo,


1 Sobeka phi na, Thixo,

Singabeki kuWe?

Soncedwa ngubani na,

Singancedwa nguWe?

Wadala thina Bantu,

Weenza iinto zonke;

Umise nenkululo,

Sisindiswe sonke.  

---

We are saved to serve you.


2 Akukho ngxako kuWe,

Unamandla onke;

Akukho nkohla kuWe,

Unokwazi konke.

Silondoloze, Bawo,

Ngaloo mandla aKho;

Sikhanyisele, Bawo,

Ngoko kwazi kwaKho.

---

You know everything father.

You can save us.


3 Siphahle ngezibele

Kolu hambo lwethu;

Sisize endleleni

Ngokuswela kwethu.

Sixhase ekufeni,

Singahlehli kuWe,

Samkele ezulwini

Ngosimnikwe nguWe.   AMEN

---

Protect us on our journey.

Lead us to heaven.

No comments:

Post a Comment